Ityala likaJub Jub lokudlwengula kunye nokuzama ukubulala lihlehliselwe u-2024

0

UMolemo “Jub Jub” Maarohanye uzakubuyela enkundleni ngetyala lakhe lokudlwengula nokuzama ukubulala ngo-2024.

Le mvumi nomsasazi kamabonakude ijongene namatyala alishumi elinesithathu aquka ukudlwengula, ukubetha ngendlela ehlazisayo, ukubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba, kunye nokuxhwila.

NgoMvulo, uJub Jub ebevele kwinkundla kamantyi eRhawutini.

Igqwetha lakhe uTerrance Baloyi uthi balindele ukunikwa iinkcukacha abazicelileyo ukuze baqhubeke nalo mcimbi.

“Sicele iinkcukacha ezithe vetshe kuba kukho into eyongeziweyo. Singumsebenzi oqhubekayo. Sacela iinkcukacha ezingakumbi kuba ezinye izityholo sasingaziqondi. Umzekelo, ukuba umntu uthi ‘ndidlwengulwe’, uthi apha enyakeni awuthethanga nto, singasithethelela njani eso sityholo sokudlwengula?” watsho uBaloyi

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

WP Radio
WP Radio
OFFLINE LIVE