Kudlwengulwe umfundi webanga lesihlanu (5) eMpuma Koloni

0

Umphathiswa wesebe lezemfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, utyityimbise umnwe ngelithi kuzakubakho umxhelo xa kuthe kwafumaniseka ukuba kukho umntu ongahoyanga emva kokudlwengulwa komfundi wesikolo samabanga aphantsi (5) ngethuba esendleleni egodukayo ngoLwesihlanu.

Lo mfundi (5) ebesendleleni egodukayo esuka kwisikolo iEmdeni Junior Primary eBizana.


Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMalibongwe Mtima uthi ityala livuliwe emapoliseni.

“Ngaphakathi iCandelo loMphathiswa liseke igqiza lesithili eliza kutyelela esi sikolo nosapho, kwaye kuzakuqhutywa uphando ukuze kufunyanwe ubunyani ngalo mba,” uthethe watsho uMtima.

Uthe uphando olucetywayo luzakuqala ngoMvulo.

Umphathiswa uGade usikhalimele esi siganeko sibi.

“Eyona nto indivisa kabuhlungu kukuba abantu abadala mabakhusele abantwana, bangabenzakalisi. Inene lento izoshiya isilonda ebomini balomntwana umsulwa. Siyasigxeka kabukhali esi sehlo kuba sijongela phantsi isidima somntwana,” utshilo.


“Ukuba nabani na ufunyaniswe ngokungakhathali okukhokelele kwesi sehlo, uya kohlwaywa.

Esi siganeko silandela ezinye izehlo ezibini zodlwengulo ngaphakathi kwamabala esikolo kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

Abafundi abathandathu bebanga leshumi kwisikolo samabanga aphakamileyo iNico Malan eHumansdorp banqunyanyisiwe kwesi sikolo emva kwezityholo zokudlwengula amantombazana amane ebanga lesibhozo kwihostele yesi sikolo.

Esi siganeko sichazwe ngomnye wabazali bamaxhoba. Uphando lwesikolo ngokwaso ludize ukuba esi sehlo senzeke izihlandlo ezibini, nangona esokuqala singaxelwanga.

“Esesibini isiganeko sinamaxhoba amane, ababini kwesi bane ingamakhwenkwe. Kungoku nje, onke la makhwenkwe mathandathu enza ibanga leshumi anqunyanyisiwe ehostele de kugqitywe uphando lwangaphakathi,” itshilo ingxelo.

Kwesinye isiganeko, amapolisa aseMpuma Koloni abambe umfundi
(21) kwisikolo samabanga aphakamileyo eDutywa ngokudlwengula omnye umfundi kwihostele yabucala kwimpelaveki ephelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

WP Radio
WP Radio
OFFLINE LIVE