Intloko yezemfundo eMpuma Koloni isweleke emva kokugula ithutyana

0

Intloko yezemfundo eMpuma Koloni uGqirha Soyisile Nuku usweleke emva kokugula ithutyana, imithombo eliqela engaphakathi kweli sebe iqinisekise eluntwini ngorhatya lwangoLwesithathu.

Ukusweleka kukaNuku kuqinisekiswe nguMphathiswa uFundile Gade kubaphathi abaphezulu beli sebe ngenjikalanga yangoLwesithathu.

Uchongwe kwesi sikhundla ngenyanga kaTshazimpuzi ka2023 ethatha iintambo zikaMahlubandile Qwase nowayebambe kwesi sikhundla emva kokuyeka kukaGqirha Naledi Mbude.

UNuku kule veki iphelileyo uchongwe njengelinye lamagosa ebenegalelo kwizinga lokuphumelela imatriki kwimbali yesebe elingu-81.4% kunyaka wokufunda ka-2023.

UGade kunye nesithethi sesebe uMali Mtima abafumanekanga ukwenza ilizwi ngorhatya lwangoLwesithathu.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

WP Radio
WP Radio
OFFLINE LIVE