UMalume ugwetywe ubomi bonke ngokudlwengula umntwana oneminyaka esixhenxe ubudala, wamosulela nge-HIV

0

Indoda yaseKapa eneminyaka engamashumi amane anesibini-42 ubudala igwetywe ubomi entolongweni ngokudlwengula isizalwane esineminyaka esixhenxe (7) ubudala, wamosulela nge-HIV.

Le ntwazana,ngoku eneminyaka eli-14 ubudala,yathi kwingxelo yayo yempembelelo yexhoba: “Ubomi bam abusayi kuphinda bufane kwaye andiyi kuyilibala into eyenzekileyo.”

Le ndoda yaseDu Noon ngoLwesithathu ikwagwetywe iminyaka elishumi entolongweni kwinkundla yenqila yaseKapa ngenxa yokuzama ukubulala kuba yayisazi isimo sayo sikagawulayo ngethuba idlwengula umntwana.

Umtshutshisi uRuwayda Badrudeen uxelele inkundla ukuba le ndoda yadlwengula intwazana eyayineminyaka esixhenxe ngoko yayilele esofeni ibukele umabonakude. Ixhoba alizange lixelele mntu ngesi sehlo “njengoko lalimbona njengomalume walo”.

Esi siganeko sivele emva kokugula komntwana waze wasiwa kwikliniki apho ugqirha wafumanisa ukuba unezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo.

Uvavanyo lokuqala lwe-HIV lwabuya lwathi akanayo kodwa ugqirha wacela ukuba abuyiselwe kwiiveki ezimbalwa kamva ukuze aphinde avavanywe. Uvavanyo lwesibini lwabuya lwathi unalo kwaye amapolisa aqalisa ukuphanda.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eNtshona Koloni u-Eric Ntabazalila uthe umcuphi “wazama ukumxelela ukuba kwenzeke ntoni”.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eNtshona Koloni u-Eric Ntabazalila uthe umcuphi “wazama ukumxelela ukuba kwenzeke ntoni”.

“Ngenye intsasa wasa umakhulu wexhoba esikolweni laza ixhoba leza kwisithuthi somphandi. Waphinda wabuzwa ukuba kwenzeke ntoni waveza ukuba umtyholwa wamdlwengula,” utshilo uNtabazalila.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

WP Radio
WP Radio
OFFLINE LIVE