Abazali bayalukhaba uxoliso kumphathi wase Enyobeni tarven

0

Abazali nezalamane zamaxhoba ase-Enyobeni Tavern basikhabile isicelo sikaSiyakhangela Ndevu ongumanejala osebenza kwiithaveni.

Ngethuba enika ubungqina kwinkundla yaseMonti ngoLwesithathu, uNdevu ucele uxolo kwezi ntsapho.

Oku kwakusemva kokuba ebuzwa ligqwetha lakhe uPrecious Daniel ukuba unento anokuyithetha na kubazali.

“Into eyenzekileyo kubo, ukuphulukana nabantwana babo ngendlela abaphulukene ngayo nabo phaya,ibuhlungu. Yayingeyontando yabo. Yayingeyontando yam okanye intando yabantwana ukuba bafele apho. So ndicela uxolo. Ndiyavelana nabo nentlungu yabo, watsho uNdevu.

Ecaleni, uKhululekile Ncandana, uthe bengabazali bayalukhaba olu xolo.

“Emva kwesithuba esingaphezu konyaka ucinga nje ngoku ukuba makacele uxolo kuba ebekwikona exineneyo kumtshutshisi. Ngaphambili wayeyithetha yedwa ukuba akazuxolisa kuba engazange ababulale abantwana bethu. Ngoku ukwikona kwaye unyanzelwa ukuba axolise.

“Olo hlobo lokucela uxolo aluphumi kuye okanye ngaphakathi. Utsho kuba ecelwe ukuba enjenjalo. Asilufuni ngokupheleleyo olo xolo. Ukuba xa ucela uxolo unyanisekile, kufuneka ucele uxolo ngokunyanisekileyo nangenyaniso. Akananyani xa ecela uxolo. Uthenga nje amehlo enkundla.”

Ityala liza kuqhuba kungekudala.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

WP Radio
WP Radio
OFFLINE LIVE