Abafundi abathathu badutyulwe babulawa ngethuba befunda eMpuma Koloni

0

Esi sehlo sothusayo senzeke eMpuma Koloni, apho kwadutyulwa kwabulawa abafundi abathathu ngethuba bexakekile befunda

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lothukile kakhulu kukuva iindaba zokubulawa kwabafundi abathathu.

UMphathiswa wezeMfundo kwiphondo leMpuma Koloni, uFundile Gade, uzakundwendwela iintsapho zabafundi beBanga leshumi elinanye neleshumi elinesibini abadutyulwe babhubha eMdantsane.

Abafundi ababini baseBuchule Senior Secondary School baze abanye ababini bebefunda eMzomhle Senior Secondary School.

Aba bafundi bebexakekile befundela iimviwo zabo zokuphela konyaka ngethuba behlaselwa.

Abathathu kubo babhubhile waza omnye wenzakala kakhulu.

Unobangela wolu hlaselo awukaziwa, nanjengoko amapolisa esaphanda ngalo mba.

Baninzi abarhanelwa ababanjiweyo malunga nesi senzo sokubulala.

Esi siganeko sibonisa ukuba akukho ukhuseleko kwindawo esihlala kuzo, ngoko ke umthetho mawulwe nezi ziganeko.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

WP Radio
WP Radio
OFFLINE LIVE